14. Namhla ndihamba ngendlela yoluntu lonke. Niyazi ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke, ukuba akuwanga phantsi nalinye ilizwi emazwini onke alungileyo, abewathethile uYehova uThixo wenu ngani; onke enzekile kuni; akuwanga phantsi nalinye ilizwi kuwo.
15. Kothi, njengoko lenzekayo kuni lonke ilizwi elilungileyo, abelithethile uYehova uThixo wenu kuni, enjenjalo ukulenza kuni lonke ilizwi elibi, ade anitshabalalise kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.
16. Ekuwugqitheni umnqophiso kaYehova uThixo wenu, aniwisele wona, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula, wóvutha umsindo kaYehova kuni, nicinywe kamsinya emhlabeni olungileyo aninikileyo.