Uyoshuwa 19:33-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini* yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan;

34. wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenotitabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.

35. Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete,

36. neAdama, neRama, neHatsore,

37. neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore,

Uyoshuwa 19