Uyoshuwa 19:10-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo.

11. Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham;

12. wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya.

13. Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha.

14. Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli;

15. neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo.

16. Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

17. Iqashiso lesiné lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo.

18. Umda wabo wasinga kwiYizereli,

19. neKesuloti, neShunem, neHafarayim,

20. neShihon, neAnaharati, neRabhiti,

21. neKishiyon, neAbhetse, neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse.

22. Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo.

23. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

24. Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo.

25. Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi,

26. neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati.

27. Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo;

28. neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu.

Uyoshuwa 19