5. nelizwe lamaGebhali, neLebhanon yonke ngasempumalanga, lithabathela eBhahali-gadi phantsi kwentaba yeHermon, ude uye eHamati;
6. bonke abemi beentaba, kuthabathela eLebhanon kuse eMisrefoti-mayim, onke amaTsidon; endiya kubagqogqa phambi koonyana bakaSirayeli. Wòthi ke wena ulabele amaSirayeli ngeqashiso ukuba libe lilifa, njengoko ndakuwiselayo umthetho.
7. Ke ngoko lâbe eli lizwe libe lilifa kwizizwe ezisithoba, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,
8. esilifa inxenye yaso salizuza kunye namaRubhen namaGadi, awawanikayo uMoses phesheya kweYordan ngasempumalanga, njengoko abemnikile uMoses umkhonzi kaYehova:
9. lithabathela eArohere, engasemlanjeni oyiArnon, nomzi ophakathi kwesihlambo eso, nehewu lonke laseMedebha, lise eDibhon;
10. nemizi yonke kaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, lise emdeni woonyana baka-Amon;