Uyoshuwa 13:28-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Lilo elo ilifa loonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo, imizi yabo, nemizana yabo.

29. UMoses wasinika ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase. Laba lelesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo.

30. Umda wabo wathabathela eMahanayim: iBhashan yonke, bonke ubukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, nemizana yonke yakwaYahire eseBhashan, imizi emashumi mathandathu.

Uyoshuwa 13