Uyona 2:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle,Umlambo waba ngeenxa zonke kum;Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.

4. Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho;Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.

5. Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni;Andijikeleza amanzi enzonzobila;Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.

6. Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba;Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade;Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.

7. Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova;Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.

Uyona 2