7. Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye.
8. Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni.
9. Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi.
10. Ephakamile ke uYesu, àkabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na?
11. Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.
12. Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.
13. Bathe ngoko abaFarisi kuye, Wena uyazingqinela, ubungqina bakho abunene.
14. Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.
15. Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye.
16. Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo.
17. Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene.
18. Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.
19. Bathi ngoko kuye, Uphi na uYihlo? Waphendula uYesu, wathi, Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.
20. Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa etempileni; akwabakho namnye umbambayo; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.
21. Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.
22. Abesithi ngoko amaYuda, Angaba úya kuzibulala na, le nto athi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina?
23. Wathi kuwo, Nina ningabangaphantsi, mna ndingowangaphezulu; nina ningabeli hlabathi, mna andingoweli hlabathi.
24. Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.