34. Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.
35. Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade.
36. Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.
37. Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni.
38. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo.
39. Aphendula athi kuye, Ubawo thina nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham.
40. Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; àkakwenzanga oko uAbraham.
41. Nina nenza imisebenzi yooyihlo.Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo.
42. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.
43. Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam.
44. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.
45. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim.
46. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningàkholwa ndim?
47. Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.
48. Aphendula ngoko amaYuda, athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ùngumSamariya wena, nokuthi ùnedemon?
49. Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza.