Uyohane 8:34-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.

35. Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade.

36. Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.

37. Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni.

38. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo.

39. Aphendula athi kuye, Ubawo thina nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham.

40. Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; àkakwenzanga oko uAbraham.

41. Nina nenza imisebenzi yooyihlo.Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo.

42. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.

43. Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam.

44. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.

45. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim.

Uyohane 8