Uyohane 7:23-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ukuba umntu uyalùswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?

24. Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.

25. Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala?

26. Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangába kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu* okwenyaniso?

27. Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu* esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona.

28. Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina.

29. Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile.

30. Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki.

31. Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, uKristu*, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?

32. AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.

33. Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndizè ndiye kowandithumayo.

34. Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina.

35. Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Úza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na?

36. Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?

Uyohane 7