Uyohane 6:52-66 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

52. Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angáthini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?

53. Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.

54. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

55. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.

56. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.

57. Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam.

58. Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade.

59. Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum.

60. Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva?

61. Ke kaloku, esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku?

62. Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona?

63. Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.

64. Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela.

65. Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.

66. Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye.

Uyohane 6