7. Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke úfanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo.
8. Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi.
9. Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena?
10. Ke uYesu akamphendulanga. Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula?
11. Uphendule uYesu wathi, Ùnge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.
12. Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare;* bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.
13. Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; ke ngesiHebhere yiGabhata.