15. Ke wona ankqangaza esithi, Susa, susa, mbethelele emnqamlezweni! Athi uPilato kuwo, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Thina asinakumkani ungenguye uKesare.
16. Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni.
17. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi,
18. ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabámbi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.
19. Ke kaloku uPilato wabhala nombhalo, wawubeka phezu komnqamlezo. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa: UYESU WASENAZARETE, UKUMKANI WAMAYUDA.
20. Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma.