Uyohane 19:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Uphendule uYesu wathi, Ùnge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.

12. Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare;* bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.

13. Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; ke ngesiHebhere yiGabhata.

14. Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika,* ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu!

15. Ke wona ankqangaza esithi, Susa, susa, mbethelele emnqamlezweni! Athi uPilato kuwo, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Thina asinakumkani ungenguye uKesare.

16. Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni.

Uyohane 19