10. Ke uYesu akamphendulanga. Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula?
11. Uphendule uYesu wathi, Ùnge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.
12. Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare;* bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.
13. Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; ke ngesiHebhere yiGabhata.
14. Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika,* ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu!