6. Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.
7. Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete.
8. Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke;
9. ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.
10. Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko.
11. Uthe ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na?
12. Ibutho ngoko lamasoldati, nomthetheli-waka, namadindala amaYuda, bambamba uYesu,
13. bambopha, bamrholela kuAnas kuqala; kuba wayengusomfazi kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka.