Uyohane 18:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na?

5. Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo.

6. Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.

7. Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete.

8. Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke;

9. ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.

10. Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko.

Uyohane 18