19. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.
20. Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye;
21. njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.
22. Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;