6. Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.
7. Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.
8. Bathi abafundi kuye, Rabhi,* amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ùbuya uye khona na?
9. Waphendula uYesu wathi, Àkalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi.
10. Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.
11. Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.
12. Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wósinda.
13. Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo.