13. Ndiya kubatshayela impela, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni; igqabi liya kubuna; ndisuke ndimise abo baya kugqitha phezu kwabo.
14. Sihlaleleni na? Zihlanganiseni, singene emizini enqatyisiweyo, sitshabalale khona; ngokuba uYehova uThixo wethu uza kusitshabalalisa, asiseze inyongo; ngokuba sonile kuYehova.
15. Besithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo: besithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.
16. Livakala livela kwaDan ithatha lamahashe abo; ngezwi lokukhonya kweembalasane zamahashe abo liyanyikima ilizwe lonke. Bayeza, bayalidla ilizwe nenzaliseko yalo, umzi nabemi bawo.
17. Ngokuba, yabonani, ndithumela phakathi kwenu iinyoka, amarhamba angenakukhafulwa, anilume; utsho uYehova.
18. Uyé phi na umthuthuzeli wam esingqaleni? Inobulwelwe kum intliziyo yam.
19. Nalo ilizwi lokuzibika kwentombi yabantu bakowethu, livela ezweni elikude, lisithi, UYehova akakho na eZiyon? akakho na kuyo ukumkani wayo? Kungathuba lini na ukuba bandiqumbise ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, ngeento ezingento zolunye uhlanga?
20. Ukuvuna kudlule, ihlobo liphelile, thina ke asikasindiswa.