Uyeremiya 52:32-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yaba ngaphezu kweetrone zabanye ookumkani ababenaye eBhabheli.

33. Wazikhulula iingubo zakhe zobubanjwa; wamana ukudla isonka ebusweni bakhe yonke imihla yokuphila kwakhe.

34. Umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, wawunikwa, uvela kukumkani waseBhabheli, into yemini ngangemini yayo, kwada kwayimini yokufa kwakhe, yonke imihla yokuphila kwakhe.

Uyeremiya 52