Uyeremiya 52:27-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulala eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo.

28. Ngabo aba abantu awabafudusayo uNebhukadenetsare: ngomnyaka wesixhenxe, amaYuda angamawaka amathathu, anamanci mabini anamathathu;

29. ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare kwafuduswa eYerusalem imiphefumlo yaba makhulu asibhozo, anamanci mathathu anamibini;

Uyeremiya 52