Uyeremiya 51:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.

18. Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala.

19. Àkanjalo yena uSahlulelo sikaYakobi; ngokuba nguMbumbi wezinto zonke yena, nowesizwe selifa lakhe yena; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.

20. Wena ùsisixengxe sam, usisikrweqe sam sokulwa. Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga, ndizonakalise ngawe izikumkani;

21. Ndihlekèze ngawe ihashe nomkhweli walo; ndihlekeze inqwelo yokulwa nomkhweli wayo;

22. ndihlekeze ngawe indoda nomfazi, ndihlekeze ngawe indoda enkulu nomfana, ndihlekeze ngawe amadodana nomthinjana;

23. ndihlekeze ngawe umalusi nomhlambi wakhe; ndihlekeze ngawe umlimi nesipani sakhe; ndihlekeze ngawe amabamba neerhuluneli.

Uyeremiya 51