Uyeremiya 49:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bhomboloza, Heshbhon, ngokuba ibhuqiwe iAyi; khalani, magxamesi aseRabha, bhinqani ezirhwexayo; mbambazelani niququzele kunye ezintangweni; ngokuba ukumkani wayo uya kuthinjwa, kunye nababingeleli bakhe nabathetheli bakhe.

4. Ùqhayiselani na ngazo iintili? Intili yakho ichumile, ntombi iliphamba, yakholosayo ngobuncwane bayo, isithi, Ndiya kuzelwa ngubani na?

5. Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, luphuma kwabangeenxa zonke kuwe; nigxòthwe, elowo angabheki nokubheka, kungabikho ungàbabuthayo abaphalaphalayo.

6. Emveni koko ndiya kukubuyisa ukuthinjwa koonyana baka-Amon; utsho uYehova.

7. Ngokusingisele kuEdom, utsho uYehova wemikhosi ukuthi:Akusekho bulumko na kwaTeman? Liphelile na icebo kwiingqondi? Buphalele na ubulumko bazo?

8. Sabani, jikani, hlalani enkolontyweni, bemi bakwaDedan; ngokuba ukusindeka kwakhe uEsawu ndimzisele, ixesha lokumvelela kwam.

9. Ukuba abavuni beediliya bakufikele, abayi kushiya lubhikico; ukuba amasela eza ebusuku, aya konakalisa ade anele.

10. Ngokuba mna ndimhlubile uEsawu, ndizityhilile iindawo zakhe ezisitheleyo, angabi nako ukuzímela. Imbewu yakhe iya kubhuqwa, abazalwana bakhe nabamelwane bakhe àbakho.

Uyeremiya 49