Uyeremiya 49:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Ngokusingisele kumaKedare, nakwizikumkani zaseHatsore, awazibulalayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utsho uYehova ukuthi:Sukani nime, nyukani niye kumaKedare, nibabhuqe abasempumalanga.

29. Iintente zabo nemihlambi yabo boyithabatha; namalengalenga abo, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo, bozisusa zibe zezabo; bamemeze kubo, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke.

30. Sabani, balekani kakhulu, hlalani enkolontyweni, bemi baseHatsore, utsho uYehova; ngokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ecebe icebo ngani, wacinga ingcinga ngani.

31. Sukani nime, nyukani niye kuhlanga oluchulumachileyo, oluhleli lukholosile, utsho uYehova; uhlanga olungenazingcango namivalo, oluhleli lodwa.

32. Iinkamela zabo maziphangwe, ingxokolo yemfuyo yabo ibe ngamaxhoba, ndibachithachithe kwimimoya yonke onquthula-iinwele, ndibazisele ukusindeka, kuphuma kumacala onke; utsho uYehova.

Uyeremiya 49