20. Ngako oko yivani icebo likaYehova, alicebileyo ngoEdom, neengcinga zakhe, azicingileyo ngabemi bakwaTeman; inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.
21. Ihlabathi liyanyikima sisithonga sokuwa kwabo; isandi sokukhala kwabo sivakala eLwandle oluBomvu.*
22. Yabona, utshaba luyanyuka njengexhalanga, lutshwebeleza, luwolule amaphiko alo phezu kweBhotsera; intliziyo yamagorha ekwaEdom ngaloo mini iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba.
23. Ngokusingisele kwiDamasko:Ihlazekile iHamati neArpadi; ngokuba kuviwe iindaba ezimbi; bancamile; njengaselwandle, banesithukuthezi, abanako ukuzola.
24. IDamasko ithe dakumba, ijikile yasaba; ifikelwe kukothuka, ibanjwe yimbandezelo nayinimba njengozalayo.
25. Hayi, ukushiywa komzi wendumiso, umzi wemihlali yam!
26. Ngako oko aya kuwa amadodana ayo ezitratweni zawo, amadoda onke okulwa athi shwaka ngaloo mini; utsho uYehova wemikhosi.
27. Ndiya kuphemba umlilo eludongeni lweDamasko, udle iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
28. Ngokusingisele kumaKedare, nakwizikumkani zaseHatsore, awazibulalayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utsho uYehova ukuthi:Sukani nime, nyukani niye kumaKedare, nibabhuqe abasempumalanga.
29. Iintente zabo nemihlambi yabo boyithabatha; namalengalenga abo, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo, bozisusa zibe zezabo; bamemeze kubo, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke.
30. Sabani, balekani kakhulu, hlalani enkolontyweni, bemi baseHatsore, utsho uYehova; ngokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ecebe icebo ngani, wacinga ingcinga ngani.
31. Sukani nime, nyukani niye kuhlanga oluchulumachileyo, oluhleli lukholosile, utsho uYehova; uhlanga olungenazingcango namivalo, oluhleli lodwa.