Uyeremiya 49:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Yabona, utshaba luya kunyuka njengengonyama ephuma ekweneni kweYordan, luye ekhayani eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo; osukuba enyuliwe, ndimenzele umveleli; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?

20. Ngako oko yivani icebo likaYehova, alicebileyo ngoEdom, neengcinga zakhe, azicingileyo ngabemi bakwaTeman; inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.

21. Ihlabathi liyanyikima sisithonga sokuwa kwabo; isandi sokukhala kwabo sivakala eLwandle oluBomvu.*

22. Yabona, utshaba luyanyuka njengexhalanga, lutshwebeleza, luwolule amaphiko alo phezu kweBhotsera; intliziyo yamagorha ekwaEdom ngaloo mini iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba.

23. Ngokusingisele kwiDamasko:Ihlazekile iHamati neArpadi; ngokuba kuviwe iindaba ezimbi; bancamile; njengaselwandle, banesithukuthezi, abanako ukuzola.

24. IDamasko ithe dakumba, ijikile yasaba; ifikelwe kukothuka, ibanjwe yimbandezelo nayinimba njengozalayo.

25. Hayi, ukushiywa komzi wendumiso, umzi wemihlali yam!

Uyeremiya 49