Uyeremiya 46:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Nyuka uye eGiliyadi, thabatha amafutha aqholiweyo, nkazanandini, ntombi iyiYiputa; ùfumana usandisa oomathunga; akunakubotshwa.

12. Iintlanga zikuvile ukucukucezwa kwakho, ukukhala kwakho kwazalisa ihlabathi; ngokuba igorha likhubeka egorheni, omabini awa ndaweni-nye.

13. Ilizwi awalithethayo uYehova kuYeremiya umprofeti, ngokuza kukaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ukuba alixabele ilizwe laseYiputa, lalisithi:

14. Xelani eYiputa, nivakalise eMigidoli, nivakalise eNofu naseTapanesi; yithini, Misa, xhoba; ngokuba ikrele liya kudla ngeenxa zonke kuwe.

15. Yini na ukuba ziqwelwe iimbalasane zakho? Azimanga, ngokuba uYehova uzingqulile.

16. Ukhubekisa abaninzi, ewe, omnye uwela omnye; bathi, Sukani, masibuyele ebantwini bakowethu, ezweni esazalelwa kulo, ngenxa yekrele elidlavulayo.

17. Bádanduluka khona, bathi, UFaro ukumkani weYiputa utshabile; ulidlulisile ixesha elimisiweyo.

18-19. Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi, ukuthi, Inene, úya kuza énjengeTabhore phakathi kweentaba, énjengeKarmele ngaselwandle. Zénzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.

20. IYiputa lithokazi elihle kakhulu; isibawu sasentla siyeza, siyeza.

21. Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba úyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.

Uyeremiya 46