19. Xa ke thina bafazi síqhumiselayo kukumkanikazi wezulu, símthululelayo iminikelo ethululwayo, símenzela izonkana zokuba eyilwa, símthululela iminikelo ethululwayo, amadoda ethu àkakho na kuthi?
20. Wathetha uYeremiya kubantu bonke, kumadoda nakubafazi, kubantu bonke abamphenduláyo ngelo lizwi, wathi,
21. Ukuqhumisela oko enaqhumisela ngako emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, nina nooyihlo, ookumkani benu nabathetheli benu, nabantu belizwe, àkakukhumbulanga na uYehova? Akuthanga qatha na entliziyweni yakhe oko?
22. UYehova àkaba saba nako ukuthwala, ngenxa yeentlondi zenu ezimbi, ngenxa yamasikizi enawenzayo; lasuka ilizwe lenu labharha, kwaba senkangala, langummangaliso nentshabhiso, lingenammi, njengoko kunjalo namhla.