1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele kumaYuda onke ahleliyo ezweni laseYiputa, ahleli eMigidoli, naseTapanesi, naseNofu, nasezweni lasePatrosi, lalisithi:
2. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nibubonile ububi bonke endayizisela bona iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda. Niyabona, ingamanxuwa ngayo le mini, akukho umiyo kuyo;
3. ngenxa yobubi ababenzáyo, ukuze bandiqumbise ngokuya kuqhumisela nokukhonza thixo bambi, ababengabazi bona, nani, nooyihlo.
4. Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa, ndisithi, Musani ukukha niyenze le nto ingamasikizi, ndiyithiyileyo.
5. Noko ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo, ukuba babuye ebubini babo, bangàqhumiseli thixweni bambi.
6. Báphalazeka ke ubushushu bam nomsindo wam, watshisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem; yaba linxuwa, yabharha, njengoku kunjalo namhla.
7. Kaloku utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yini na ukuba niyenzele ububi obukhulu kangaka imiphefumlo yenu, bokunqumla kuni indoda nomfazi, umntwana nosebeleni, kwelakwaYuda, kungasali masalela kuni;
8. ngokundiqumbisa ngezenzo zezandla zenu, ngokuqhumisela thixweni bambi ezweni laseYiputa, eneza kuphambukela kulo; ukuze nizinqumle ngokwenu, nibe yintshabhiso nesingcikivo ezintlangeni zonke zehlabathi?