1. Kwathi, akugqiba uYeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke kaYehova uThixo wabo, awamthuma wona uYehova uThixo wabo kubo,
2. onke la mazwi, batsho ooAzariya unyana kaHoshaya, noYohanan unyana kaKareha, namadoda onke akhukhumeleyo, ukuthi kuYeremiya, Ùthetha ubuxoki; uYehova uThixo wethu akakuthumanga kuthi, ukuba uthi, Ze ningayi eYiputa niphambukele khona;
3. uBharuki ke, unyana kaNeriya, úya kuxhokonxa ngakuthi, kuba efuna ukuba sinikelwe esandleni samaKaledi, ukuba asibulale, ukuba asifudusele eBhabheli.
4. UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, nabantu bonke, àbaliphulaphula ilizwi likaYehova lokuba bahlale elizweni lakwaYuda.
5. UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, bawathabatha onke amasalela akwaYuda, abebuyé evela ezintlangeni zonke abegxothelwe kuzo, ukuba aye kuphambukela ezweni lakwaYuda:
6. amadoda, nabafazi, nabantwana, neentombi zokumkani, nemiphefumlo yonke abeyishiye uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, noYeremiya umprofeti, noBharuki unyana kaNeriya.
7. Baya ke elizweni laseYiputa, ngokuba babengaliphulaphulanga izwi likaYehova; baya bafika eTapanesi.
8. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya eTapanesi, lisithi,
9. Thabatha ngesandla sakho amatye amakhulu, uwaqhusheke eludakeni endaweni yokutshisa izitena, esemnyango wendlu kaFaro eTapanesi, emehlweni amadoda akwaYuda.