Uyeremiya 4:17-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Njengabalindi bamasimi bayichasa ngeenxa zonke; ngokuba ibineenkani kum, utsho uYehova.

18. Iindlela zakho neentlondi zakho zakwenzela oko. Zizinto zakho ezimbi ezo, inene zikrakra, inene zifike entliziyweni yakho.

19. Izibilini zam, izibilini zam! Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam! Iyaxokozela intliziyo yam, andinakuthi tu! Kuba ùsivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe.

20. Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhuqiwe lonke ilizwe; zibhuqiwe ngesiquphe iintente zam; ngephanyazo, amalengalenga am.

21. Kunini na ndibona ibhanile,* ndisiva isandi sesigodlo?

22. Kuba bamathile abantu bam, mna àbandazi; ngoonyana abazizidenge, àbanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa àbakwazi.

23. Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo.

24. Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela.

25. Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.

26. Ndakhangela, nantso iKarmele* iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.

27. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kuya kuba senkangala kulo lonke ilizwe; kodwa ndingàligqibeli kuphele.

28. Ngenxa yoko ihlabathi liya kuba nesijwili, libe nezimnyama zokuzila izulu ngaphezulu; ngenxa enokuba ndithethile, ndinkqangiyele, andisayi kuzohlwaya, andiyi kubuya umva kuloo nto.

29. Ngesandi sabamahashe nabezaphetha, iyabaleka yonke imizi; bangena ezintshinyeleni zehlathi, benyuka emixawukeni; yonke imizi ishiyiwe, akuhlali mntu kuyo.

30. Ke wena ubhuqiweyo, uya kuthini na? Nokuba uthe wambatha ezibomvu, nokuba uthe wavatha izivatho zegolide, nokuba uthe wawazoba amehlo akho ngestibhiya,* ufumane wahomba; ziya kukucekisa izithandane, zifuna umphefumlo wakho,

Uyeremiya 4