5. Wathi ukumkani uZedekiya, Yabonani, úsezandleni zenu; ngokuba ukumkani engenakuthini engenáni.
6. Bamthabatha uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, obusentendelezweni yabalindi; bamhlisa uYeremiya ngezintya emhadini, lowo ungenamanzi, unodaka; watshona eludakeni uYeremiya.
7. Weva uEbhedi-meleki umKushi, indoda elithenwa, ebisendlwini yokumkani, ukuba bamfaké emhadini uYeremiya; ukumkani ke ubehleli esangweni lakwaBhenjamin.
8. Waphuma uEbhedi-meleki endlwini yokumkani, wathetha kukumkani, esithi,
9. Nkosi yam, kumkani, la madoda enzé into embi ngako konke akwenzileyo kuYeremiya umprofeti lo, amphosa emhadini; úya kufa yindlala kuloo ndawo akuyo, ngokuba akusekho sonka kulo mzi.
10. Ukumkani wamwisela umthetho uEbhedi-meleki umKushi, esithi, Thabatha apha amadoda angamashumi amathathu asesandleni sakho umrhole uYeremiya umprofeti emhadini, engekafi.
11. UEbhedi-meleki wathabatha amadoda lawo asesandleni sakhe, waya endlwini yokumkani ngaphantsi kwendlu yobuncwane, wathabatha khona amadlavu eengubo ezikrazukileyo nawezonakeleyo, wawathobela kuYeremiya emhadini ngezintya.