Uyeremiya 22:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Musani ukumlilela ofileyo, ningahlunguzeli intloko ngenxa yakhe; lilani nilile ngomkileyo; ngokuba akasayi kubuya abuye, alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.

11. Ngokuba utsho ukuthi uYehova, ngoShalum unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, owaba ngukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise, owaphuma kule ndawo, Akasayi kubuya abuyele apha;

12. ke uya kufela endaweni abamfudusele kuyo, angabi sabuya alibone eli lizwe.

13. Yeha, oyakhayo indlu yakhe kungengabulungisa, namagumbi akhe aphezulu kungengokusesikweni; komkhonzisayo ummelwane wakhe ngelizé, angamniki umvuzo wakhe;

14. othí, Ndiya kuzakhela indlu ebanzi, namagumbi aphezulu anombilini; ayigqobhoze iifestile ezininzi, ayifulele ngemisedare, ayiqabe ngembola!

15. Ùnobukumkani na, xa ushiyisela ngokwakha ngemisedare? Uyihlo ubengadli, asele, enze okusesikweni nobulungisa, yini na, kwaza kwalunga kuye?

16. Ubeligweba ityala losizana nolihlwempu; kwaza kwalunga. Asikuko na oko ukundazi? utsho uYehova.

Uyeremiya 22