Uyeremiya 20:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngokuba ndivile intlebendwane yabaninzi, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. Xelani, simxele. Bonke abafo ababexolelene nam balinde ukuqhwalela kwam; bathi, Mhlawumbi angárhwebesheka, simeyise, simphindezele.

11. Ke uYehova unam, njengegorha elingcangcazelisayo; ngenxa yoko baya kukhubeka abandisukelayo, abayi koyisa; baya kudana kakhulu, ngokuba bengenzanga ngengqiqo; ihlazo labo lingunaphakade, alinakulityalwa.

12. Wena ke, Yehova wemikhosi, ulicikidayo ilungisa, uzibonayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndikutyhílele ubambano lwam.

13. Vumani kuYehova, mdumiseni uYehova, ngokuba ewuhlangule umphefumlo wehlwempu esandleni sabenzi bobubi.

14. Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo; umhla awandizala ngawo uma mawungasikeleleki.

Uyeremiya 20