Uyeremiya 14:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Naba bantu, baprofetela bona, baya kuba yimilahlwa ezitratweni zaseYerusalem ngenxa yendlala nekrele; kungabikho ubangcwabayo, bona, nabafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, ndibaphalazele ngeento zabo ezimbi.

17. Ngoko uze uthethe kubo eli lizwi lokuthi, Amehlo am ahla iinyembezi ubusuku nemini, angaphezi; ngokuba yaphulwe ngolwaphulo olukhulu inkazana eyintombi yabantu bakowethu, ngenxeba elibulalayo kakhulu.

18. Ukuba ndithe ndaphuma ndaya emaphandleni, nabó ababuleweyo likrele; ukuba ndithe ndangena kuwo umzi, nabó abáfa yindlala; ngokuba umprofeti kwanombingeleli bayaquleka ezweni abangalaziyo.

19. Ùmcekisé kwaphela na uYuda? Údimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembé uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembé ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.

20. Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe.

Uyeremiya 14