1. Utsho uYehova kum ukuthi, Hamba uye uzithengele umbhinqo welinen, uwubeke esinqeni sakho, ke uze ungawufaki emanzini.
2. Ndawuthenga ke umbhinqo ngokwelizwi likaYehova, ndawubeka esinqeni sam.
3. Kwafika ilizwi likaYehova kum okwesibini, lisithi,
4. Wuthabathe umbhinqo owuthengileyo, osesinqeni sakho, usuke uye emEfrati, uwufihle khona emfanteni yengxondorha.
5. Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.
6. Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.
7. Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungàsenamsebenzi.
8. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
9. Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukulonakalisa ikratski lakwaYuda, ikratshi elikhulu laseYerusalem.
10. Aba bantu bànobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.
11. Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoba, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.
12. Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?
13. Wòthi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem;
14. ndibahlekézele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonákalisi.
15. Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.
16. Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembé ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.
17. Ukuba anithanga nikuve oko, wólila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.
18. Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba síyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.
19. Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.