Uyeremiya 11:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. ukuze ndisimise isifungo endasifungela ooyihlo, ukuba ndibanike ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko kunjalo namhla. Ndaphendula mna, ndathi, Amen, Yehova.

6. Wathi uYehova kum, Wamemeze la mazwi onke emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, uthi, Yivani amazwi alo mnqophiso, niwenze.

7. Ngokuba ndaqononondisa ndiqononondisa koyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa unanamhla, ndiqononondisa kwakusasa, ndisithi, Liphulaphuleni ilizwi lam.

8. Ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo; báhamba elowo ngobungqola bentliziyo yakhe enobubi. Ndesuka ke ndazìsa phezu kwabo onke amazwi alo mnqophiso, ndabawisela umthetho ngawo, ukuba bawenze; àbawenza.

9. UYehova wathi kum, Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwamadoda akwaYuda, naphakathi kwabemi baseYerusalem.

10. Babuyéle kuzo izenzo ezigwenxa zooyise bamandulo, ababengavumi ukuweva amazwi am; ábasuka bona balandela thixo bambi ukuze babakhonze; indlu kaSirayeli nendlu kaYuda zawaphula umnqophiso wam endawenza nooyise.

Uyeremiya 11