15. Ifuna ntoni intánda yam endlwini yam, isenza amayelenqe nje? Izibhambathiso nenyama engcwele zobususa na ububi bakho kuwe? Ùbungandula udlamke.
16. UYehova wakubiza ngegama lokuba ungumnquma oluhlaza, oyimpuluswa, osiqhamo sihle; wafaka isikhuni kuwo, kúkho isandi sengxabatshitshi enkulu, aviveka amasebe awo.
17. Ke uYehova wemikhosi, owakutyaláyo, uthethé okubi ngawe, ngenxa yezinto ezimbi zendlu kaSirayeli nezendlu kaYuda, abazenzeleyo ukuze bandiqumbise ngokuqhumisela uBhahali.
18. Ke kaloku uYehova wandazísa, ndazi; waza wandibonisa oko iintlondi zabo.