Unehemiya 6:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, kwakuvakala kuSanebhalati, nakuTobhiya, nakuGeshem umArabhi, nakwezinye iintshaba zethu, ukuba ndilwakhile udonga, akwasala luthanda kulo (nakuba kwada kwalelo xesha ndingazimisanga iingcango emasangweni),

2. bathumela kum uSanebhalati noGeshem, besithi, Yiza, sihlangane komnye wemizana esesihlanjeni seOno.

3. Babecinga ukundenza into embi. Ndathumela abathunywa kubo, ndathi, Ndenza umsebenzi omkhulu, andinakuhla; yini na ukuba ume umsebenzi lo, ngokuthi ndiwuyeke, ndihle ndize kuni?

4. Bathumela kum ngokunjalo izihlandlo zaziné, ndabaphendula kwangelo lizwi.

5. USanebhalati wathumela ngokunjalo kum indodana yakwakhe, isihlandlo sesihlanu, inencwadi evulekileyo esandleni sayo;

Unehemiya 6