Unehemiya 4:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungáthi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.

4. Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa.

5. Musa ukubuselela ubugwenxa babo; musa ukusicima isono sabo phambi kwakho; ngokuba bakuqumbisile phambi kwabakhi.

6. Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza.

7. Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem; ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene.

8. Bacebisana kunye bonke bephela, ukuba beze kulwa neYerusalem, bayonakalise.

Unehemiya 4