1. Kwathi, akuva uSanebhalati ukuba sìyalwakha udonga, wasuka wavutha umsindo wakhe, waqumba kunene, wawangcikiva amaYuda.
2. Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na? obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje?
3. Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungáthi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.
4. Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa.