Unehemiya 2:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngenyanga enguNisan, ngomnyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani, yabakho iwayini phambi kwakhe, ndayithabatha iwayini leyo, ndayinika ukumkani. Ke ndibe ndingazanga ndibonakale ndithe khunubembe phambi kwakhe.

2. Wathi ukumkani kum, Kungani na ukuba ubuso bakho bube nje, ukuba bubi, ungafi nje? Le nto bububi bentliziyo, asinto yimbi.

Unehemiya 2