17. Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho.
18. Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba.
19. Wóbuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; wòziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.
20. Ùya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo.