Umika 3:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisàyo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo; bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:

6. Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.

7. Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.

8. Ke mna ndizele ngamandla ngomoya kaYehova, ndizele kokusesikweni nobugora, ukuze ndimxelele uYakobi ukreqo lwakhe, uSirayeli isono sakhe.

9. Khanive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli, abakwenza amasikizi okusesikweni, bakujikajike konke okuthe tye;

10. ábayakha iZiyon ngamagazi, neYerusalem ngobugqwetha.

Umika 3