Umika 2:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Athi ke, abo bacinga ubutshinga, basebènze ububi ezililini zabo! abathi ekukhanyeni kwengomso babenze, ngokuba isandla sabo singuthixo wabo.

2. Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo.

3. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.

4. Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sìbhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusísusa kwakhe kum! amasimi ethu úwabela amaphamba.

Umika 2