5. Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
6. Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
7. Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
8. Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.
9. Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.
10. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
11. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla.
12. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi.
13. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
14. Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani.
15. Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.
16. Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.
17. Ke wena, wakuzila, yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho,
18. ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhléni.
19. Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe;