Umateyu 4:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa,Úya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini,Zikufukule ngezandla,Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.(INdum. 91:11)

7. Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.

8. Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo;

9. athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.

10. Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.

11. Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.

12. Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.

Umateyu 4