Umateyu 4:4-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.

5. Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye,

6. Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa,Úya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini,Zikufukule ngezandla,Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.(INdum. 91:11)

7. Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.

8. Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo;

9. athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.

10. Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.

11. Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.

12. Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.

13. Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;

14. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,

15. Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali,Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan,WaseGalili yeentlanga,

16. Abantu abo bàhleli ebumnyameniBabonè ukukhanya okukhulu;Nâbò bahleli ezweni nasethunzini lokufaBavelelwe kukukhanya.(UIsaya 9:1,2)

17. Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

18. Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.

19. Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

20. Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.

21. Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.

Umateyu 4