Umateyu 4:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.

11. Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.

12. Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.

13. Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;

14. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,

15. Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali,Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan,WaseGalili yeentlanga,

16. Abantu abo bàhleli ebumnyameniBabonè ukukhanya okukhulu;Nâbò bahleli ezweni nasethunzini lokufaBavelelwe kukukhanya.(UIsaya 9:1,2)

17. Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

18. Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.

19. Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

20. Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.

Umateyu 4